INTSHAYELELO
Enkosi ngokuthenga i-Hotplate yethu i-“Essentials”. Iyunithi nganye yenzelwe ukuqinisekisa ukhuseleko,
ukuthembeka nokusebenziseka lula. Phambi kokuyisebenzisa, nceda uyifunde ngenyameko le miyalelo
kwaye uyilondolozele ukureferensa kwixesha elizayo.
ISILUMKISO ESIBALULEKILEYO
Xa usebenzisa i-Hotplate yakho i-“Essentials” amanyathelo angundoqo angaphambili kumele asoloko
elandelwe, ukuquka okulandelayo:
Esi sixhobo ayenzelwanga ukusetyenziswa ngabantu (ukuquka abantwana) abanobuchule obuncinci
ngokwenyama, ngengqiqo okanye ngengqondo, okanye ukuswela amava nolwazi, ngaphandleni
kokuba bayakhokelwa okanye banikezwe umyalelo ophathelele ekusetyenzisweni kwesixhobo
ngumntu onoxanduva ngokhuseleko lwabo.
Abantwana kumele bakhokelwe ukuqinisekisa ukuba abadlali ngesixhobo.
Soloko uqinisekisa ukuba ivoltheji esetyenzisiweyo iyahambelana nevoltheji eyalathwe kwikhaya
lakho.
Khangela ukuba intambo yombane kunye neplagi rhoqo ukuba akho monakalo. Ukuba intambo
okanye iplagi yonakele, kumele kubekwe entsha ngumenzi okanye umntu oneempepha ukuze
kuphetswe ingozi yombane.
Esi sixhobo senzelwe ukusetyenziswa kwikhaya kuphela. Ukusetyenziselwa ezorhwebo okanye
ezoqoqosho kuya kusenza singasebenzi isiqinisekiso kwaye umboneleli akayi kuba nabutyala
ngomonzakalo okanye umonakalo obangelwe kukusetyenziswa kwesixhobo ngayo nayiphi na
injongo ngaphandle koko senzelwe kona.
Usetyenziso olungachanekanga nokusetyenziswa okungafanelekanga kungonakalisa isixhobo senze
ingozi kumsebenzisi.
Musa ukusisebenzisa isixhobo ukuba siwisiwe okanye sonakele nangayiphi na indlela. Kwimeko
yomonakalo, yithabathe iyunithi uye kuyivavanyisa kwaye/okanye uyilungisise ngearhente yenkonzo
egunyazisiweyo.
Ukunciphisa ubungozi yokukhatywa ngumbane, musa ukutshonisa okanye uveze injini, iplagi okanye
intambo yombane emanzini okanye naziphi ezinye ezingamanzi.
Musa ukutshonisa esisixhobo emanzini okanye naziphi na ezinye iikhwidi okwenzelwe ukucocisa.
Susa iplagi kwisokethi ngokubamba iplagi. Musa ukutsala intambo ukukhupha isixhobo. Soloko
uyikhupha iyunithi kwiplagi xa ingasetyenziswa okanye phambi kokuyicoca okanye xa usongeza
ushenxisa amalungu.
Usetyenziso lwezifakelelo ezongezelelweyo ezingacetyiswanga okanye ezinganikezwanga ngumenzi
kungabangela ukwenzakala, umlilo okanye ukhatywa ngumbane.
Musa ukuyivumela intambo ijinge kwisiphelo setafile okanye sekhawuntala. Qinisekisa ukuba
intambo ayikho kwisikhundla apho ingatsalwa ngengozi.
Musa ukuvumela intambo isondele kumphandle oshushu kwaye musa ukuyibeka kwi okanye
kusondelo kwirhasi eshushu okanye isitovu sombane okanye isitovu esishushu.
Ungaze uyisebenzise le yunithi kufutshane neebhafu, iishawala, kwezitya zangasese okanye ezinye
izikhongozelo eziqulethe amanzi.